15 Ke, ukuba okunene babekhumbula elo babephuma kulo, ngebaba nethuba lokubuyela kulo.
16 Kodwa ngoku bazolulela kwelona lilungileyo, oko kukuthi, kwelasemazulwini. Kungoko uThixo angenazintloni ngabo, ukuba kuthiwe unguThixo wabo, kuba ebalungisele umzi.
17 Ngokholo uAbraham wamnikela uIsake, akulingwa; waye, owawamkelayo ngovuyo amadinga lawo, enikela okuphela kwawamzalayo;
18 ekwakuthethwe kuye kwathiwa, Iya kubizwa ngoIsake imbewu yakho;
19 ecamanga ngokuthi, uThixo unako ukuvusa nakwabafileyo; apho athe ngoko wamzuza ngokomzekeliso.
20 Ngokholo uIsake wabasikelela uYakobi noEsawu, ngazo izinto eziza kubakho.
21 Ngokholo uYakobi uthe, xa aqhawukayo, wabasikelela oonyana bakaYosefu ngabanye, waqubuda esimelele ngentonga yakhe.