33 abathe ngokholo beyisa izikumkani, basebenza ubulungisa, bazuzana namadinga, bavingca imilomo yeengonyama,
34 bacima amandla omlilo, basinda kwiintlangothi zekrele, bomelela ekubeni bebeswele amandla, baba ngamagorha emfazweni, bagxotha imikhosi yabasemzini.
35 Abafazi babazuza abafileyo babo bevukile; abanye ke batyakatywa, bengalwamkelanga ukhululo, ukuze bazuzane nolona luvuko lululo.
36 Bambi ke benziwa intlekisa, batyakatywa; phezu koko ke baviswa imixokelelwane nentolongo;
37 baxulutywa ngamatye; basarhwa; bahendwa; bafa kukubulawa ngekrele; bahamba ngeengubo zeegusha nangeengaga zeebhokhwe, beswele,
38 bebandezelwe, bephathwa kakubi (elalingabafanele ihlabathi), bedinga koozintlango, noozintaba, noomiqolomba, nakwimingxuma yomhlaba.
39 Aba ke bonke bathi, nakuba babengqinelwe ngalo ukholo, àbazuzana nalo idinga,