1 Ngako oko ke, sínelifu elingakanana nje elisingqongileyo lamangqina, masithi nathi, siwubekile nxamnye wonke umthwalo, naso isono esinokusirhawula ngokusisulu, silubaleke ngomonde ugqatso olubekwe phambi kwethu;
2 sise amehlo kuyo iMbangi noMgqibelelisi wokholo lwethu, uYesu, owathi, ngenxa yovuyo olwalubekwe phambi kwakhe, wawunyamezela umnqamlezo, elidelile ihlazo, waza wahlala phantsi ngasekunene kwetrone kaThixo.
3 Ewe, mqondeni lowo ukunyamezeleyo ukumphikisa okungaka kwaboni, ukuze ningadinwa, ingatyhafi imiphefumlo yenu.
4 Anikachasi kude kube segazini, nizamana naso isono.
5 Kananjalo senilulibele uvuselelo olu, luthetha kuni ngathi kukoonyana, lusithi,Nyana wam, musa ukukucekisa ukuqeqesha kweNkosi,Kananjalo ungatyhafi wakohlwaywa yiyo;
6 Kuba lowo imthandayo iNkosi iyamqeqesha,Ibatyakatye ke bonke oonyana ebamkelayo.(ImiZek. 3:11,12)