18 Kuba anisondelanga ntabeni iphathwayo, itshayo ngumlilo, nasithokothokweni, nabumnyameni, naluqhwitheleni,
19 nasandini saxilongo, nasithongeni samazwi, abathe abo basiváyo bacela kabukhali, ukuba kungabi sathethwa lizwi kubo.
20 Kuba babengenakukuthwala oko babeyalwa ngako; nokuba ithe inkomo yayichukumisa intaba, ibiya kuxulutywa ngamatye, ithi mhlawumbi ibinzwe ngomkhonto;
21 yaza loo nto yabonakalayo yoyikeka, kangangokuba uMoses athi, Ndiyoyika kakhulu, ndiyagubha.
22 Nisuké nina nafika eZiyon, entabeni nasemzini woThixo ophilileyo, kwiYerusalem yasemazulwini, nakumawakawaka ezithunywa zezulu,
23 kwingqungquthela, nakwibandla lamazibulo abhaliweyo emazulwini, nakuThixo, uMgwebi wabo bonke, nakoomoya bamalungisa agqibeleleyo,
24 nakuMlamleli womnqophiso omtsha, uYesu, nakwigazi lokufefa, elithetha ezona zinto zilungileyo kunelika-Abheli.