4 Anikachasi kude kube segazini, nizamana naso isono.
5 Kananjalo senilulibele uvuselelo olu, luthetha kuni ngathi kukoonyana, lusithi,Nyana wam, musa ukukucekisa ukuqeqesha kweNkosi,Kananjalo ungatyhafi wakohlwaywa yiyo;
6 Kuba lowo imthandayo iNkosi iyamqeqesha,Ibatyakatye ke bonke oonyana ebamkelayo.(ImiZek. 3:11,12)
7 Ukuba ninyamezela uqeqesho, uThixo woba uniphethe njengoonyana; kuba nguwuphi na unyana ongàqeqeshwayo nguyise?
8 Ukuba ke aniqeqeshwa, abathe baba ngamadlelane ngalo bonke, noba nina niyimigqakhwe ngoko, aningoonyana.
9 Kananjalo sibe sinabo oobawo benyama okunene besiqeqesha, sabahlonela; asiyi kuthi ngakumbi na sithobele uYise woomoya bonke, sidle ubomi?
10 Kuba bona okunene basiqeqesha imihla embalwa, ngokokuzithandela kwabo, kodwa yena usiqeqeshela okusilungeleyo, ukuze sahlulelane ngobungcwele bakhe.