15 Ngoko masithi ngaye sinyuse ngamaxesha onke kuye uThixo umbingelelo wendumiso, oko kukuthi, isiqhamo somlomo olivumayo igama lakhe.
16 Ke ukwenza okuhle nobudlelane, musani ukukulibala; kuba imibingelelo enjalo uyakholiswa kakuhle yiyo uThixo.
17 Bathambeleni abakhokeli benu, nibathobele; kuba bona àbalali, ngenxa yemiphefumlo yenu, ngokwabayá kuphendula, ukuze bakwenze oko bevuyile, bengancwini; kuba anisizakali kuko oko.
18 Sithandazeleni; kuba sikholosekile kukuthi sinesazela esilungileyo, sínga ezintweni zonke singahamba kakuhle.
19 Ndiyavuselela ke ngokugqithiseleyo, ukuba nikwenze oko, ukuze ndibuyiselwe kuni kamsinyane.
20 Ke kaloku uThixo woxolo, lowo wamvusayo kwabafileyo uMalusi oMkhulu wezimvu, ngegazi lomnqophiso ongunaphakade,
21 iNkosi yethu uYesu, wanga anganilungisa, nigqibelele emisebenzini yonke elungileyo, ukuze nikwenze ukuthanda kwakhe, esenza ngaphakathi kwenu oko kukholekileyo emehlweni akhe, ngoYesu Kristu. Kuye makubekho uzuko, luse emaphakadeni asemaphakadeni. Amen.