5 Isimilo senu masibe sesingathandi mali, yanelani zizinto eninazo; kuba etshilo yena ukuthi, Andiyi kukha ndikuyekele; wabuya wathi, Andiyi kukha ndikushiye;
6 ngokokude somelele sithi,INkosi ilusizo lwam, andiyi koyika;Wondenza ntoni na umntu?(INdum. 118:6)
7 Bakhumbuleleni abakhokeli benu, abalithethayo kuni ilizwi likaThixo; nisingasinga impumelelo yehambo yabo, nixelise bona elukholweni lwabo.
8 UYesu Kristu ukwanguye izolo, nanamhla, ase nakuwo amaphakade.
9 Musani ukuphetshethwa ziimfundiso ngeemfundiso nezingezizo; kuba kúhle ukuba intliziyo iqine lubabalo; kungabi ngeento ezidliwayo, abangancedekanga zizo abo bahamba kuzo.
10 Sinesibingelelo thina, abangenagunya lakudla kuso abo bakhonza umnquba.
11 Kuba ezo zinto ziphilileyo, zigazi lazo lingeniswa ngenxa yesono kweyona ngcwele nguye umbingeleli omkhulu, imizimba yazo itshiselwa ngaphandle kweminquba.