8 Zonke izinto wazithobela phantsi kweenyawo zakhe.(INdum. 8:4-6)Kuba, ekubeni wazithobela phantsi kwakhe zonke izinto ezo, akashiyanga nto ingathotyelwanga phantsi kwakhe. Kukaloku ke asikaziboni zithotyelwe phantsi kwakhe zonke izinto.
9 Ke sibona lo uncitshiswe kancinane kunezithunywa zezulu, uYesu ke, ethe ngenxa yeentlungu zokufa wathweswa uzuko nembeko, ukuze ngobabalo lukaThixo eve ukufa ngenxa yabo bonke.
10 Kuba bekumfanele lowo, ezingenxa yakhe zonke izinto ezo, nezingaye zonke izinto ezo, ekubeni ezìse oonyana abaninzi eluzukweni, ukuthi ayenze ngeentlungu igqibelele imbangi yosindiso lwabo.
11 Kuba lowo ungcwalisayo, kwanabo bangcwaliswayo, baphuma kumnye bonke; ekungenxa yeli thuba angenazintloni ukubabiza ngokuthi ngabazalwana,
12 esithi,Ndiya kulixela igama lakho kubo abazalwana bam.Ndivume phakathi kwebandla elokudumisa wena.(INdum. 22:22)
13 Abuye athi, Ndiya kukholosa ngaye. Abuye athi, Yabona, mna nabantwana andinike bona uThixo.
14 Ekubeni ngoko abantwana abo bengamadlelane naye ngenyama negazi, wathi naye ngokwakhe ngokukwanjalo wabelana nabo ngezo zinto, ukuze ngako ukufa ambhangise lowo unamandla okufa, oko kukuthi, uMtyholi lo;