11 Njengoko ndafungayo, ndinengqumbo, Ndathi, Unakanye ukuba bokha bangene ekuphumleni kwam!(INdum. 95:7-11)
12 Lumkani, bazalwana, hleze kubekho kubani wenu intliziyo engendawo, engakholwayo, enokumka kuThixo ophilileyo;
13 manivuselelane imihla ngemihla, xa kusathiwa kunamhla, ukuze kungabikho mntu kuni wenziwa lukhuni kukulukuhla kwesono.
14 Kuba siba ngamabelána ngoKristu, ukuba sithe ingqalo yokukholosa kwethu sayibamba ngokuthe nkqi, sada sesa ekupheleni;
15 ekubeni kusithiwa,Namhla, ukuba nithe naliva ilizwi lakhe,Musani ukuzenza lukhuni iintliziyo zenu, njengasengcaphukisweni.(INdum. 95:7,8)
16 Kuba bathe abathile, bevile, bacaphukisa, phofu ingengabo bonke abo baphumayo eYiputa ngoMoses.
17 Yayingoobani na ke awakruquka ngabo iminyaka emashumi mané? Yabingengabo na abo bonayo, bazidumbu zawayo entlango?