2 ethembekile kulowo wamenzayo, kwanjengoMoses endlwini yakhe iphela.
3 Kuba lo ubalelwe ekuthini ufanelwe luzuko olungaphezu kolukaMoses; ngangokuba lowo wayakhayo indlu, enembeko engaphezu kwayo indlu.
4 Kuba yonke into eyindlu inoyakhayo; ke lowo wazakhayo zonke izinto nguThixo.
5 Okunene noMoses ebethembekile endlwini yakhe iphela ngokomkhonzi, ukuze bube bubungqina obo bezinto eziya kuthethwa.
6 Ke yena uKristu uthembeke ngokonyana phezu kwendlu yakhe; esiyindlu yakhe ke thina, ukuba singaba sithe sakúbamba ngokuthe nkqi ukungafihlisi kwethu, neqhayiya lethemba lethu, sada sesa ekupheleni.
7 Endithi ke, njengoko atshoyo uMoya oyiNgcwele,Namhla, ukuba nithe naliva ilizwi lakhe,
8 Musani ukuzenza lukhuni iintliziyo zenu,Njengasengcaphukisweni, ngomhla wolingo entlango;