8 Musani ukuzenza lukhuni iintliziyo zenu,Njengasengcaphukisweni, ngomhla wolingo entlango;
9 Apho bandilingayo ooyihlo, bandicikida,Bayibona imisebenzi yam iminyaka emashumi mané.
10 Kungoko ndakruqukayo seso sizukulwana,Ndathi, Bahlala belahleka ngeentliziyo,Abazazi ke bona iindlela zam;
11 Njengoko ndafungayo, ndinengqumbo, Ndathi, Unakanye ukuba bokha bangene ekuphumleni kwam!(INdum. 95:7-11)
12 Lumkani, bazalwana, hleze kubekho kubani wenu intliziyo engendawo, engakholwayo, enokumka kuThixo ophilileyo;
13 manivuselelane imihla ngemihla, xa kusathiwa kunamhla, ukuze kungabikho mntu kuni wenziwa lukhuni kukulukuhla kwesono.
14 Kuba siba ngamabelána ngoKristu, ukuba sithe ingqalo yokukholosa kwethu sayibamba ngokuthe nkqi, sada sesa ekupheleni;