1 Masoyike ngoko, hleze kuthi ekubeni kusasele idinga lokungena ekuphumleni kwakhe, kubekho bani kuni ungáthi asilele.
2 Kuba sizishunyayeziwe iindaba ezilungileyo kwanjengabo; lathi kodwa ilizwi lodaba, lingadibananga nje nokholo kwabo baliváyo, alabanceda nto.
3 Kuba thina sakholwayo, siyangena ekuphumleni, ngokoko athe,Njengoko ndafungayo, ndinengqumbo, Ndathi, Unakanye ukuba bokha bangene ekuphumleni kwam!(INdum. 95:11)nakubeni imisebenzi yenziwayo kususela ekusekweni kwehlabathi.
4 Kuba wakha wathetha ngawo umhla wesixhenxe, ukuthi, Waza waphumla uThixo ngawo umhla wesixhenxe kuyo yonke imisebenzi yakhe;
5 athi kule kananjalo,Unakanye ukuba bokha bangene ekuphumleni kwam.