5 athi kule kananjalo,Unakanye ukuba bokha bangene ekuphumleni kwam.
6 Ekubeni ngoko kusalindele ke ukuthi kubekho bathile bangénayo kuko, baye abo, bashunyayezwáyo iindaba ezilungileyo kuqala, bengangenanga ngenxa yokungeva:
7 ubuya amise mini ithile, esithi ngoDavide, Namhlanje, emveni kwexesha elingakanana; njengokuba kuthiwe,Namhla, ukuba nithe naliva ilizwi lakhe,Musani ukuzenza lukhuni iintliziyo zenu.(INdum. 95:7,8)
8 Kuba uYoshuwa, ukuba ubebaphumzile, angé engabuyanga athethe ngawo omnye umhla.
9 Ngoko ke abantu bakaThixo balindwe luphumlo olunjengolwesabatha.
10 Kuba lowo ungeneyo ekuphumleni kwakhe, naye ngokwakhe uphumle kuyo imisebenzi yakhe, njengoThixo kweyeyakhe.
11 Masikhuthalele ngoko ukungena koko kuphumla, ukuze kungabikho namnye ubuya eyele kwakuloo mzekelo wokungeva.