7 ubuya amise mini ithile, esithi ngoDavide, Namhlanje, emveni kwexesha elingakanana; njengokuba kuthiwe,Namhla, ukuba nithe naliva ilizwi lakhe,Musani ukuzenza lukhuni iintliziyo zenu.(INdum. 95:7,8)
8 Kuba uYoshuwa, ukuba ubebaphumzile, angé engabuyanga athethe ngawo omnye umhla.
9 Ngoko ke abantu bakaThixo balindwe luphumlo olunjengolwesabatha.
10 Kuba lowo ungeneyo ekuphumleni kwakhe, naye ngokwakhe uphumle kuyo imisebenzi yakhe, njengoThixo kweyeyakhe.
11 Masikhuthalele ngoko ukungena koko kuphumla, ukuze kungabikho namnye ubuya eyele kwakuloo mzekelo wokungeva.
12 Kuba ilizwi likaThixo liphilile, lisebenza, libukhali ngaphezu kwamakrele onke antlangothi mbini; lihlaba liphumele, lide lahlule umphefumlo kwanomoya, amalungu kwanomongo; linokugweba iingcingane nezicamango zentliziyo.
13 Kanjalo akukho sidalwa singabonakaliyo emehlweni akhe; izinto zonke ke zizé, zityhilekile, emehlweni alowo esinokuthana ni naye.