15 Kwaza kwasekuhléni ngakumbi, ukuba kuvela mbingeleli wumbi, ngokokufana noMelkitsedeke,
16 ongathanga amiswe ngokomyalelo womthetho ongowenyama; wamiswa ngokwamandla obomi obungenakupheliswa.
17 Kuba ungqina ngokuthi,Wena ungumbingeleli ngonaphakade,Ngokohlobo lukaMelkitsedeke.(INdum. 110:4)
18 Kuba okunene kutshitshiswa umthetho owandulelayo, ngenxa yokuswela amandla, nokungancedi lutho kwawo
19 (kuba umthetho lowo awuzalisanga nto); ke kungeniswe phezu kwawo elona themba lilungileyo; esisondela ngalo kuye uThixo.
20 Kanjalo, ngangokuba engamiswanga, kungàbangakho sifungo (kuba bona aba okunene benziwe ababingeleli kungafungwanga;
21 kodwa yena umiswe ngokufunga kwalowo wathi kuye,Yafunga iNkosi, ayiyi kuzohlwaya:Wena ungumbingeleli ngonaphakade, ngokohlobo lukaMelkitsedeke):(INdum. 110:4)