19 (kuba umthetho lowo awuzalisanga nto); ke kungeniswe phezu kwawo elona themba lilungileyo; esisondela ngalo kuye uThixo.
20 Kanjalo, ngangokuba engamiswanga, kungàbangakho sifungo (kuba bona aba okunene benziwe ababingeleli kungafungwanga;
21 kodwa yena umiswe ngokufunga kwalowo wathi kuye,Yafunga iNkosi, ayiyi kuzohlwaya:Wena ungumbingeleli ngonaphakade, ngokohlobo lukaMelkitsedeke):(INdum. 110:4)
22 ngangoko ke uYesu waba ngummeli wowona ulungileyo umnqophiso.
23 Bathe bona ababingeleli baba baninzi, ngenxa yokuba ukufa kwakungavumi ukuba bahlale behleli;
24 ke yena, ngenxa yokuba ehleli ngonaphakade, unobubingeleleli obungenakudlula.
25 Ngoko unako nokubasindisa kanye abo bezayo ngaye kuThixo, ehlala ehleli nje ukuba abathethelele.