4 Bonani ke ukuba mkhulu kwalowo, wàthi uAbraham umawokhulu wamnika nesishumi emaxhobeni, awona alinqatha.
5 Abo okunene bakoonyana bakaLevi, babamkelayo ububingeleli, banomthetho wokubanga isishumi kubo abantu ngokomthetho; oko kukuthi, kubo abazalwana babo, nakuba bephume esinqeni sika-Abraham.
6 Kodwa yena, ongenamlibo wakuzalwa uphumayo kubo, ubange isishumi kuAbraham, wasikelela lowo unamadinga.
7 Ke ngokungenakuphikwa, encinane into isikelelwa yeyona inkulu.
8 Kananjalo apha okunene ngabantu abanokufa, abathabatha isishumi; kodwa khona apho ngongqinelweyo ukuba udla ubomi.
9 Ukutsho ke ndithi, kubangwe ngoAbraham isihumi nakuLevi, lo wamkelayo izishumi;
10 kuba ubesesinqeni sikayise, oko uMelkitsedeke wamhlangabezayo.