5 Abo okunene bakoonyana bakaLevi, babamkelayo ububingeleli, banomthetho wokubanga isishumi kubo abantu ngokomthetho; oko kukuthi, kubo abazalwana babo, nakuba bephume esinqeni sika-Abraham.
6 Kodwa yena, ongenamlibo wakuzalwa uphumayo kubo, ubange isishumi kuAbraham, wasikelela lowo unamadinga.
7 Ke ngokungenakuphikwa, encinane into isikelelwa yeyona inkulu.
8 Kananjalo apha okunene ngabantu abanokufa, abathabatha isishumi; kodwa khona apho ngongqinelweyo ukuba udla ubomi.
9 Ukutsho ke ndithi, kubangwe ngoAbraham isihumi nakuLevi, lo wamkelayo izishumi;
10 kuba ubesesinqeni sikayise, oko uMelkitsedeke wamhlangabezayo.
11 Ke ngoko, ukuba okunene inzaliseko ibingabakho ngobubingeleli bakwaLevi (kuba abantu bewiselwe owobubingeleli umthetho), bekusafuneka ngantoni na ke, ukuba kubuye kuvele mbingeleli wumbi ngokohlobo lukaMelkitsedeke, angàbizwa ngokohlobo luka-Aron?