27 kwaza kwangokunjalo ke namadoda, ewushiya umsebenzi wenkazana wasemvelweni, avutha ngokukhanukana kwawo, amadoda esenza kumadoda okuziintloni, ezamkelela umbuyekezo wokulahleka kwawo, abemelwe ke nguwo.
28 Njengokuba ke bekúmangele ukuhlala bemazi kakuhle uThixo, uThixo wabanikela engqiqweni engacikidekileyo, ukuba benze izinto ezingafanelekileyo;
29 bezele yiyo yonke intswelabulungisa, okungendawo, ukubawa, ulunya; bezele ngumona, kukubulala, ziinkani, yinkohliso, bubumenemene;
30 ábasebezi, ábahlebi, abathiyekileyo kuThixo, abasileyo, abanekratshi, abaqhankqalazi, abacebi bezinto ezimbi, abangàbevayo abazali,
31 abangenakuqonda, abaphuli beminqophiso, abangenabubele, abangenatarhu, abangenanceba;
32 bona bathi, besazi kakuhle isimiselo sikaThixo, sokuba abo bazenzayo izinto ezinjalo bafanelwe kukufa, banganeli kukuzenza, basuka bathakazelele nabò bazenzayo.