9 Kuba ulingqina lam uThixo, endimkhonzayo ngomoya wam kwiindaba ezilungileyo zoNyana wakhe, okokuba andiyeki ukunikhankanya;
10 ndihlala ndikhunga emithandazweni yam, ukuba ndingáde ngoku ndibe nempumelelo, ndize kuni nangakuphi, ngako ukuthanda kukaThixo.
11 Kuba ndilangazelela ukunibona, ukuze ndinabele sibabalo sithile sisesomoya, ukuze nizimaseke;
12 oko ke kukuze ndivuseleleke nam phakathi kwenu, ngalo ukholo olukuthi sobabini, ngolwenu kwanangolwam.
13 Andithandi ke ukuba ningàzi, bazalwana, ukuba kúfuthi ndizimisela entliziyweni yam ukuza kuni (ndathintelwa kwada kwanamhla), ukuze ndibe nasiqhamo sithile naphakathi kwenu, kwanjengaphakathi kwezinye iintlanga.
14 KumaGrike kwanakumabharbhari,* kwizilumko kwanakwabaswele ukuqonda, ndimelwe kukushumayela.
15 Ngokunjalo okukokwam ndingxamele ukuzishumayela iindaba ezilungileyo nakuni baseRoma.