16 Àbazilulamelanga ke bonke iindaba ezilungileyo, kuba uIsaya uthi, Nkosi, ngubani na owakholwayo ludaba lwethu?
17 Ngoko ke ukholo luphuma eludabeni, udaba ke lukho ngelizwi likaThixo.
18 Ingaba kodwa, abevanga na? Ehla wena!Intlokoma yabo yaphuma, yaya kulo lonke ihlabathi,Namazwi abo aya eziphelweni zelimiweyo.(INdum. 19:4)
19 Ndithi, Kodwa ubengazi na uSirayeli? Ukuqala, uMoses uthi,Mna ndiya kunikhweletisa ngabangeluhlanga,Ndiya kunicaphukisa ngohlanga olungenangqondo.(IDut. 32:21)
20 Ke yena uIsaya akanqwanqwi; uthi,Ndifunyenwe ngababengandifuni,Ndaba nokubonakala kwababengandibuzi.(UIsaya 65:1)
21 Ke ngokubhekisele kuSirayeli uthi,Imini yonke izandla zam ndizolulele kubantu abangevayo, abaphikayo.(UIsaya 65:2)