17 Ningabuyekezi ububi ngobubi nakubani. Khathalelani okùhle emehlweni abantu bonke.
18 Ukuba kunokwenzeka, okukokwenu nina, hlalani ninoxolo nabantu bonke.
19 Musani ukuziphindezelela, zint'anda; yikhweleleni ingqumbo; kuba kubhaliwe kwathiwa, Impindezelo yeyam, kuya kubuyekeza mna, itsho iNkosi.
20 Ngoko ke, ukuba utshaba lwakho lulambile, luphe ludle; ukuba lunxaniwe, luseze; kuba ngokwenjenjalo ke, woba ufumba amalahle omlilo phezu kwentloko yalo.
21 Musa ukweyiswa bububi; boyise ububi ngokulungileyo.