1 Yonke imiphefumlo mayiwalulamele amagunya awongamileyo. Kuba akukho gunya lingelilo elivela kuThixo; amagunya ke akhoyo amiswe nguThixo.
2 Ngoko ke olichasayo igunya, umelene nommiselo kaThixo; abo ke bameleneyo nawo, baya kuziguqulela ukugwetywa.
3 Kuba abaphathi aba asingabokoyikwa kwimisebenzi elungileyo, ngabokoyikwa kwemibi. Ùnga akungeloyiki na ke igunya? Yenza okulungileyo, wodunyiswa kwalilo;
4 kuba lingumlungiseleli kaThixo, wokuba kulungele wena. Ke, ukuba usuka wenze okubi, yoyika; kuba alifumane laliphatha ikrele, kuba lingumlungiseleli kaThixo, umphindezeli ngengqumbo kowenza okubi.
5 Kungoko ndithi, kufuneka ukulilulamela, ningakwenzi oko ngenxa yengqumbo yodwa, nikwenze nangenxa yesazela.
6 Kuba kukwangenxa yoko eninikela irhafu; kuba ngababusi bakaThixo, bezingisa ukusebenza loo nto.
7 Ngoko bonke banikeni okubafaneleyo; mnikeni irhafu ofanelwe yirhafu, unikelo ofanelwe lunikelo, ukoyika ofanelwe kukoyikwa, imbeko ofanelwe yimbeko.