1 Lowo ke uswele amandla elukholweni, mamkeleni, kodwa ke kungabi ngokucalula zicamango.
2 Omnye okunene uyakholwa ukuba angàzidla izinto zonke; kodwa yena oswele amandla udla imifuno yodwa.
3 Lowo udlayo, makangamenzi into engeyakonto ongadliyo; nalowo ungadliyo, makangamgwebi odlayo; kuba uThixo umamkele.
4 Ùngubani na wena ugweba isicaka somnye? Ukuma kwaso, nokuba kukuwa kwaso, kusenkosini yaso. Síya kuma ke; kuba uThixo unako ukusimisa.