12 Ngoko isono masingalawuli emzimbeni wenu onokufa, ukuze nisilulamele ngokwenza iinkanuko zawo.
13 Kanjalo amalungu enu maningawanikeli kuso isono, ukuba abe ziintonga zentswelabulungisa; manizinikele ngokwenu kuThixo, ngokwabaphile babengabafileyo, niwanikele kuThixo amalungu enu, ukuba abe ziintonga zobulungisa.
14 Kuba isono asiyi kuniphatha ngabukhosi; kuba aniphantsi komthetho, niphantsi kobabalo.
15 Kuthiweni na ngoko? Sone na, kuba singephantsi kwamthetho, siphantsi kobabalo?
16 Nakanye! Anazi na ukuba lowo nizinikela kuye ukuba ngabakhonzi bokumlulamela, ningabakhonzi ngoku kulowo nimlulamelayo: nokokuba ningabesono, nisingise ekufeni, nokokuba ningabolulamo, nisingise ebulungiseni?
17 Makubulelwe ke kuThixo, ukuba nithe, beningabakhonzi besono, nawululamela ngokwentliziyo umfuziselo wemfundiso enanikelwayo kuwo;
18 nathi, nákuba nikhululwe ke kuso isono, nakhonziswa kubo ubulungisa.