15 Kuba oko ndikwenzayo andikwazi mna; kuba endikuthandayo, oko andikwenzi; endikuthiyayo, oko ndiyakwenza;
16 ukuba ke endingakuthandiyo ndenza khona oko, ndivumelana nomthetho ukuba mhle.
17 Ngoko ke ayisendim osebenza oko, seyisisono esi simiyo ngaphakathi kwam.
18 Kuba ndiyazi ukuba ngaphakathi kwam, oko kukuthi enyameni yam, akumi okulungileyo; kuba ukuthanda kukhó ukubakho oku kum; ke kona ukukusebenza okuhle andikufumani.
19 Kuba okulungileyo endikuthandayo, andikwenzi; khona okubi, endingakuthandiyo, oko ndiyakwenza.
20 Ukuba ke endingakuthandiyo mna, ndenza khona oko, ayisendim okusebenzayo oko, seyisisono esi simiyo ngaphakathi kwam.
21 Ndifumana ngoko lo mthetho kum, ukuba kuthi, ndífuna ukukwenza okuhle, kusuke kubekho okubi kum.