11 Ukuba ke uMoya walowo wamvusayo uYesu kwabafileyo, umi ngaphakathi kwenu, yena owamvusayo uKristu kwabafileyo uya kuyenza iphile nemizimba yenu enokufa, ngaye uMoya wakhe omiyo ngaphakathi kwenu.
12 Ngoko ke, bazalwana, singabanetyala; kodwa kungekuyo inyama ukuze siphile ngokwenyama.
13 Kuba xa niphila ngokwenyama, niza kufa; ke ukuba niyazibulala ngoMoya, zife iintlondi zomzimba, nophila.
14 Kuba bonke abakhokelwa nguMoya kaThixo, bangoonyana bakaThixo abo.
15 Kuba anamkelanga moya wabukhoboka, ukuba nibuye noyike; namkéle umoya wokwenziwa oonyana, esidanduluka ngawo sithi, Abha,* Bawo.
16 UMoya ngokwakhe ungqinelana nomoya wethu, ukuba singabantwana bakaThixo.
17 Ukuba ke singabantwana, sikwaziindlalifa; iindlalifa zikaThixo, iindlalifa ke kunye noKristu; ukuba okunene siva ubunzima kunye naye, ukuze sizukiswe nokuzukiswa kunye naye.