22 Uthe ke uyise kubakhonzi bakhe, Rholani ingubo ende, eyona intle, nimambathise, nifake umsesane esandleni sakhe, neembadada ezinyaweni zakhe.
23 Nizise ithole, eliyá lityetyisiweyo, nixhele; sidle, sibe nemihlali.
24 Ngokuba lo nyana wam ubefile, wabuya waphila; ubelahlekile, wafunyanwa. Baqala ke ukuba nemihlali.
25 Ke kaloku unyana wakhe omkhulu ebesentsimini; wathi xa azayo, wasondela endlwini, weva ukugwala nokududa.
26 Wabizela kuye omnye kubakhonzi, wambuza ukuba zingaba ziyini na ezi zinto.
27 Uthe ke yena kuye, Umninawa wakho ufikile; uyihlo ke uxhele ithole, eliyá lityetyisiweyo; ngokuba ebuye wamzuzu ephilile.
28 Waqumba ke, akavuma nokungena.Uphumile ke uyise wambongoza.