6 Ezi zinto nizibona nje, kuya kufika imihla ekungayi kusala litye phezu kwelitye, elingayi kuchithwa.
7 Bambuza ke besithi, Mfundisi, ziya kubakho nini na ke ezi zinto? Úya kuba yintoni na nomqondiso, xa ngaba ezi zinto ziza kubakho?
8 Wathi ke yena, Lumkani ningalahlekiswa; kuba baninzi abaya kuza egameni lam, besithi, banguye uKristu;* ewe, ixesha lisondele; ngoko musani ukubalandela.
9 Xa nithe neva iimfazwe neziphithiphithi, musani ukunkwantya; kuba ezo zinto zimele ukuthi zihle kuqala; sona ke isiphelo asiyi kuba kwaoko.
10 Wandula wathi kubo, Uhlanga luya kuvukelana nohlanga, nobukumkani buvukelane nobukumkani.
11 Kuya kubakho iinyikima zomhlaba ezinkulu kwiindawo ngeendawo, neendlala, neendyikitya zokufa; kuya kubakho izinto ezoyikekayo, kwanemiqondiso emikhulu evela ezulwini.
12 Ngaphambili ke kwazo zonke ezo zinto, baya kunísa izandla, banitshutshise, beninikela ezindlwini zesikhungu nasezintolongweni, nisiwe phambi kookumkani neerhuluneli ngenxa yegama lam.