40 Waphendula ke omnye wamkhalimela, esithi, Akumoyiki na wena uThixo, ukwakoku kugwetywa nje?
41 Thina ke okunene sigwetywe ngobulungisa, kuba samkela okufanele esakwenzayo; kodwa yena lo akenzanga nto ingendawo.
42 Wathi kuYesu, Uze undikhumbule, Nkosi, xa uthe weza usebukumkanini bakho.
43 UYesu wathi kuye, Inene, ndithi kuwe, Namhlanje ùya kuba nam eParadisi.*
44 Ke kaloku, kwakumalunga nelixa lesithandathu, kwaza kwakho ubumnyama phezu kwawo umhlaba uphela, kwada kwaba lilixa lesithoba.
45 Lenziwa mnyama ilanga; isikhuselo sendawo eyingcwele sakrazuka phakathi.
46 Wadanduluka ngezwi elikhulu uYesu, wathi, Bawo, ndiyawunikela ezandleni zakho umoya wam. Uthe akuba etshilo, waphuma umphefumlo.