24 Kodwa yeha, nina zityebi! ngokuba niyifincile intuthuzelo yenu.
25 Yeha, nina nihluthiyo! ngokuba niya kulamba.Yeha, nina nihlekayo kalokunje! ngokuba niya kukhedama nilile.
26 Yeha nina, xa bathe bathetha kakuhle ngani bonke abantu! kuba ooyise babo babesenjenjalo kubaprofeti ababuxoki.
27 Kodwa ke mna ndithi kuni nivayo, Zithandeni iintshaba zenu; yenzani okulungileyo kwabo banithiyayo.
28 Basikeleleni abo baniqalekisayo, nibathandazele abo banigxekayo.
29 Lowo ukubetha esidleleni, mnikele nesinye; nóthabatha ingubo yakho yokwaleka, ungali neyangaphantsi.
30 Bonke ke abacela kuwe, baphe; kothabatha izinto zakho, ungabuye uzibize.