35 Noko ke ubulumko bugwetyelwe kokuphuma ebantwaneni babo bonke.
36 Ke kaloku omnye umFarisi ubemcela ukuba adle naye; waza wangena endlwini yomFarisi lowo, wangqengqa.
37 Kwabonakala kukho mfazi emzini apho, obengumoni; wathi, àkwazi ukuba uhleli endlwini yomFarisi, wazisa ihlala lelabhastile,* linamafutha aqholiweyo.
38 Wema ezinyaweni zakhe ngasemva, elila; waqala ukuzinyela iinyawo zakhe ngeenyembezi, ezisula ngeenwele zentloko yakhe, ezanga kakhulu iinyawo zakhe, ezithambisa ngamafutha lawo.
39 Akukubona ke oko umFarisi lowo ubembizile, wathetha ngaphakathi kwakhe, esithi, Lo mntu, ukuba ube engumprofeti, ange esazi ukuba ngumfazi ongubani na, oluhlobo luni na, lo umchukumisayo; ngokuba ungumoni.
40 Waphendula uYesu wathi kuye, Hina, Simon, ndinendawo yokuthetha kuwe. (Athi ke yena, Thetha, Mfundisi.)
41 Kwaye kukho mboleki-mali uthile, enabantu ababini abanamatyala kuye; omnye wayenetyala leedenariyo* ezimakhulu mahlanu, omnye ke zimashumi mahlanu.