43 Waphendula uSimon wathi, Ndiba ngulowo uxolelwe ngokungaphezulu. Wathi ke yena kuye, Wahlulé walungisa.
44 Wajika wakhangela kumfazi, wathi kuSimon, Ùyambona na lo mfazi? Ndingené endlwini yakho, akundinikanga manzi eenyawo zam; ke yena uzinyele iinyawo zam ngeenyembezi, wazisula ngeenwele zentloko yakhe.
45 Akundanganga wena; ke yena, kuseloko ndangenayo, akayekanga ukuzanga kakhulu iinyawo zam.
46 Intloko yam akuyithambisanga ngaoli; ke yena iinyawo zam uzithambise ngamafutha aqholiweyo.
47 Ngenxa yoko ndithi kuwe, Izono zakhe uzixolelwe, bezizininzi; ngokuba úthandé kakhulu; ke yena oxolelwe kancinane, uthanda kancinane.
48 Wathi ke kuye, Zixolelwe izono zakho.
49 Baqala abo babehleli naye esithebeni ukuthi ngaphakathi kwabo, Ngubani na lo uxolela nezono?