6 Wahamba ke uYesu nabo.Akubon' ukuba ke àkasekude endlwini, umthetheli-khulu wathuma izihlobo kuye, esithi kuye, Nkosi, ungàzikhathazi, kuba andikulingene ukuba ungade ungene phantsi kophahla lwam;
7 kungoko nam ndingàkufanelanga ukuda ndize; thetha ngezwi lodwa, wóphiliswa umkhonzi wam;
8 kuba nam ndingumntu omiswe phantsi kwegunya labanye, ndinamasoldati aphantsi kwam; ndithi kweli, Yiya, liye; kweliya, Yiza, lize; kumkhonzi wam, Yenza oku, akwenze.
9 Ezivile ke uYesu ezi zinto, wamangaliswa nguye, waguqukela kwindimbane ebimlandela, wathi, Ndithi kuni, andifumananga lukholo lungaka nakwaSirayeli.
10 Abo babethunyiwe babuyela endlwini, bamfumana umkhonzi obengumlwelwe ephilile.
11 Kwathi ngomhla olandelayo, waya emzini ekuthiwa yiNayin. Kwaye kuhamba naye iqela labafundi bakhe, nendimbane enkulu.
12 Ke kaloku, akusondela esangweni lomzi lowo, kwabonakala kuthwalelwa phandle umntu ofileyo, ekuphela konyana ozalwa ngunina; waye yena engumhlolokazi. Yaye nendimbane elingeneyo yomzi inaye.