11 Uphendule ke uYesu, wathi kubo, Okunene kufika uEliya tanci, abuye azimise zonke izinto.
12 Ke ndithi kuni, uEliya uselefikile. Abamazanga, basuka benza kuye konke abakuthandayo; kwangokunjalo uNyana woMntu uza kuva ubunzima ngabo.
13 Bandula ukuqonda abafundi ukuba ubethetha kubo ngaye uYohane umbhaptizi.
14 Bakubon' ukuba bafikile esihlweleni, kweza kuye umntu, esiwa ngamadolo phambi kwakhe,
15 esithi, Nkosi, menzele inceba unyana wam; ngokuba unesathuthwane, esiva ubunzima obukhulu; kuba esiwa futhi emlilweni, nasemanzini futhi.
16 Ndithe ndamzisa kubafundi bakho, àbaba nako ukumphilisa.
17 Waphendula ke uYesu wathi, Sizukulwanandini singakholwayo, sigwenxa, koda kube nini na ndinani? Koda kube nini na ndininyamezele? Mziseni kum apha.