12 Kuba kukho amathenwa azelwe enjalo kwasesizalweni sonina; kukho namathenwa athenwa ngabantu; kukho namathenwa azithenileyo ngenxa yobukumkani bamazulu. Lowo unokukuqonda oku makakuqonde.
13 Kwaza kwaziswa kuye abantwana, ukuze abeke izandla phezu kwabo, athandaze; basuka abafundi babakhalimela.
14 Wathi ke uYesu, Bayekeni abantwana, ningabaleli ukuza kum; kuba ubukumkani bamazulu bobabo banjalo.
15 Wazibeka izandla phezu kwabo, wemka apho.
16 Kwabonakala kusiza othile, wathi kuye, Mfundisi ulungileyo, yiyiphi na into elungileyo endingenza yona, ukuze ndibe nabo ubomi obungunaphakade?
17 Uthe ke kuye, Yini na ukuba uthi ndilungile? Akukho ulungileyo, mnye kwaphela, nguThixo. Ukuba ke uthanda ukungena ebomini, yigcine imithetho.
18 Athi kuye, Yiphi na? Wathi ke uYesu, Yona le: uze ungabulali, uze ungakrexezi, uze ungebi, uze ungangqini buxoki,