9 Ndithi ke kuni, Othe wamala umfazi wakhe, kungengaluhenyuzo, wazeka omnye, uyakrexeza; nalowo uzeka owaliweyo uyakrexeza.
10 Bathi kuye abafundi bakhe, Ukuba unjalo umcimbi womntu nomfazi, akulungile ukuzeka.
11 Wathi ke yena kubo, Asibantu bonke abaliqondayo elo lizwi; ngabo banikiweyo bodwa.
12 Kuba kukho amathenwa azelwe enjalo kwasesizalweni sonina; kukho namathenwa athenwa ngabantu; kukho namathenwa azithenileyo ngenxa yobukumkani bamazulu. Lowo unokukuqonda oku makakuqonde.
13 Kwaza kwaziswa kuye abantwana, ukuze abeke izandla phezu kwabo, athandaze; basuka abafundi babakhalimela.
14 Wathi ke uYesu, Bayekeni abantwana, ningabaleli ukuza kum; kuba ubukumkani bamazulu bobabo banjalo.
15 Wazibeka izandla phezu kwabo, wemka apho.