25 Ubhaptizo lukaYohane lwaluphuma phi na, emazulwini, ebantwini, sini na? Bacamanga ke bodwa, besithi, Ukuba sithe, Lwaphuma emazulwini, wothi kuthi, Ibiyini na phofu ukuba ningakholwa nguye?
26 Ukuba ke sithe, Lwaphuma ebantwini, soyika abantu; kuba bonke bebambe ukuthi uYohane ungumprofeti.
27 Bamphendula uYesu bathi, Asazi.Wathi naye kubo, Nam ke andinixeleli ukuba ndizenza ngagunya lini na ezi zinto.
28 Nithini na ke nina? Umntu wayenabantwana ababini; weza kowokuqala wathi, Mntwana wam, yiya kusebenza namhla esidiliyeni sam.
29 Waphendula ke yena wathi, Andiyi; ke wabuya wazohlwaya, waya.
30 Weza nakowesibini, wathetha kwangokunjalo. Waphendula ke yena wathi, Ndiyaya, nkosi; akaya.
31 Nguwuphi na kwabo bobabini owenza ukuthanda kukayise? Bathi kuye, Ngowokuqala.Athi kubo uYesu, Inene ndithi kuni, Bayaniphangela ke ukungena ebukumkanini bukaThixo ababuthi berhafu namahenyukazi.