13 Nento enithe nayicela egameni lam, ndoyenza yona, ukuze uYise azukiswe ngoNyana.
14 Ukuba nithe nacela into ngegama lam, ndoyenza mna.
15 Ukuba niyandithanda, yigcineni imithetho yam.
16 Mna ndiya kucela kuBawo, aze aninike omnye uMthetheleli, ukuze ahlale nani ngonaphakade:
17 uMoya wenyaniso, lowo lingenako ihlabathi ukumamkela, ngokuba lingamboni, lingamazi nokumazi. Nina ke niyamazi; ngokuba uhleli nani, kanjalo uya kuba kuni.
18 Andiyi kunishiya niziinkedama, ndiyeza kuni.
19 Liselilifutshane ixesha, ukuze ihlabathi lingabi sandibona; ke nina niyandibona; ngokuba ndisidla ubomi mna, nani niya kudla ubomi.