16 Uze ungathi ndilitshijolo lomfazi. Ndithandaza ndingayeki nje, kungenxa yokuba ndibindekile ndihluphekile.”
17 “Hayi ke, hamba ngoxolo; uThixo kaSirayeli uya kukwenzela ngokwesicelo sakho, ntombi yam,” watsho uEli.
18 UHana yena wathi: “Akwaba isicakazana sakho singababalwa njalo.” Watsho ehamba, waya kutya, waxola.
19 Usapho lukaElikana lwavuka kwangentseni. Baya kunqula *uNdikhoyo, emva koko banduluka ukubuyela kokwabo eRama. Ke uElikana wahlangana noHana umkakhe. Weviwa nguNdikhoyo umthandazo wakhe.
20 Wakhawula, wazala inkwenkwe unyaka ungekapheli. Wathi: “Igama layo nguSamweli; kaloku ndayicela kuNdikhoyo.”
21 UElikana ubuye waya nosapho lwakhe eShilo ukuya kunikela kuNdikhoyo idini lonyaka kunye nelesithembiso.
22 UHana wasala ekhaya. Wathi kumyeni wakhe: “Ndakululumla usana lwam, ndolusa endlwini kaNdikhoyo, luhlale phambi kwakhe ubomi balo bonke.”