21 UElikana ubuye waya nosapho lwakhe eShilo ukuya kunikela kuNdikhoyo idini lonyaka kunye nelesithembiso.
22 UHana wasala ekhaya. Wathi kumyeni wakhe: “Ndakululumla usana lwam, ndolusa endlwini kaNdikhoyo, luhlale phambi kwakhe ubomi balo bonke.”
23 Indoda yakhe uElikana yathi: “Kulungile, ungasala. Yenza loo nto uyibona ilungile. Ungalinda ude umlumle umntwana. Ubenga uNdikhoyo angasifezekisa isithembiso sakhe.”Wasala ke uHana, eluncancisa usana lwakhe, lwada lwalunyulwa.
24 Wathi akululumla usana lwakhe uHana, waya nalo eShilo, eqhuba inkunzi yenkomo eminyaka mithathu, ephethe neshumi leekhilogram zomgubo wengqolowa, nemvaba ezele yiwayini. Wahamba noSamweli, emsa endlwini *kaNdikhoyo eShilo, eselula njalo.
25 Yakuba iwile inkunzi yenkomo, usana lwasiwa kuEli.
26 UHana wathi kuEli: “Camagu, nkosi yam! Usaphila nje ulingqina lam lokuba ndingulaa mfazi wayemi apha ethandaza kuNdikhoyo.
27 Ndandicela lo mntwana, waza uNdikhoyo wasiva isicelo sam.