5 Wathi ke uSamweli: “UNdikhoyo nomthanjiswa wakhe ukumkani ngamangqina am ke ukuba kutsho nina ukuthi ndimsulwa.”“Ewe,” kutsho abantu, “nguNdikhoyo ingqina lethu.”
6 Uqhube wenjenje uSamweli: “Ingqina nguNdikhoyo lo watyumba uMosis noAron, waza wabakhupha ooyihlo-mkhulu eJiputa.
7 Sondelani ke, ndiniyale phambi koNdikhoyo ngokunikhumbuza ngemisebenzi yobulungisa ayenzele nina nooyihlo.
8 “Kwathi akuba seJiputa uYakobi nomzi wakhe, bazibika kuNdikhoyo, yena wathumela uMosis noAron ababakhuphayo eJiputa, beza kuma kulo mhlaba.
9 Bathi bakuba lapha abantu bamlibala uNdikhoyo uThixo wabo. Yena ke ngoko wabanikela esandleni sikaSisera umphathi womkhosi waseHazore, nakumaFilistiya, nakukumkani wakwaMowabhi, – zintshaba zabo ezo ezabahlaselayo.
10 Babuya bazibika kuNdikhoyo, besithi: ‘Ewe, sonile, kuba sikufulathele, Ndikhoyo, sanqula ooBhali nooAshtaroti. Sihlangule kwiintshaba zethu; sokhonza wena!’
11 UNdikhoyo ke wathumela uGidiyon, noBharaki, noJefta, waza wagqibela ngam. Wanihlangula kwiintshaba zenu macala onke, nahlala ngenzolo.