7 Sondelani ke, ndiniyale phambi koNdikhoyo ngokunikhumbuza ngemisebenzi yobulungisa ayenzele nina nooyihlo.
8 “Kwathi akuba seJiputa uYakobi nomzi wakhe, bazibika kuNdikhoyo, yena wathumela uMosis noAron ababakhuphayo eJiputa, beza kuma kulo mhlaba.
9 Bathi bakuba lapha abantu bamlibala uNdikhoyo uThixo wabo. Yena ke ngoko wabanikela esandleni sikaSisera umphathi womkhosi waseHazore, nakumaFilistiya, nakukumkani wakwaMowabhi, – zintshaba zabo ezo ezabahlaselayo.
10 Babuya bazibika kuNdikhoyo, besithi: ‘Ewe, sonile, kuba sikufulathele, Ndikhoyo, sanqula ooBhali nooAshtaroti. Sihlangule kwiintshaba zethu; sokhonza wena!’
11 UNdikhoyo ke wathumela uGidiyon, noBharaki, noJefta, waza wagqibela ngam. Wanihlangula kwiintshaba zenu macala onke, nahlala ngenzolo.
12 Kodwa nithe nakuqonda ukuba ukumkani uNahashe wama-Amon ufuna ukunihlasela, neza kum, nathi: ‘Sifuna ukumkani wethu,’ naxa uNdikhoyo uThixo wenu engukumkani wenu.”
13 Utyatyadule wathi uSamweli: “Nanku ke ukumkani enimkhethileyo. Ufunwe nini ke; uNdikhoyo uyanikhululela ke ngoku.