11 Wasuka uSamweli wabuza wathi: “Yintoni le uyenzileyo, Sawule?”Uphendule ngelithi uSawule: “Hayi, ndithe ndakubona amadoda echithakala, nawe ungafiki ngexesha obuthe uya kufika ngalo, namaFilistiya eqokelelana eMikimashe,
12 ndaqonda ukuba la maFilistiya ngahle asihlasele apha eGiligali singekabhekisi *kuNdikhoyo. Ndeva ndinyanzelekile ke ukuba ndinikele idini elitshiswayo kuNdikhoyo.”
13 “Wenze ubudenge ke khona!” kutsho uSamweli. “Uwutyeshele umyalelo kaNdikhoyo uThixo wakho. Ukuba ubumthobele uNdikhoyo ubukumkani bakho kwaSirayeli bebuya kuma bumi.
14 Kodwa ke ngoku luza kunqamka ulawulo lwakho, kuba uwutyeshele kaloku umyalelo kaNdikhoyo. UNdikhoyo uzityumbele enye indoda esenyongweni yakhe ukuba ibalawule abantu bakhe.”
15 USamweli wesuka eGiligali waya eGibheya kummandla wakwaBhenjamin. USawule wawabala amadoda asele naye, wafumana ukuba amalunga namakhulu amathandathu.
16 USawule nonyana wakhe uJonatan kunye nomkhosi wabo babemise eGebha kummandla wamaBhenjamin. Wona amaFilistiya amisa eMikimashe.
17 Umkhosi wamaFilistiya wakhupha amahlelo amathathu. Elinye ihlelo laphuma laya ngaseOfra kummandla waseShuwali,