15 Uthe uSawule ukuphendula: “Zezithinjwe ngamadoda omkhosi wam kuma-Amaleki. Zonke ezinye bazitshabalalisile; bagcina nje ezona zintle, ukuze bamenzele amadini ngazo uNdikhoyo uThixo wakho.”
16 “Khawume ke,” utshilo uSamweli, “ndikhe ndikuxelele ukuba utheni na kum uNdikhoyo phezolo.”“Ndixelele,” watsho uSawule.
17 USamweli wathi: “Naxa wena wawuzibona uphantsi, kodwa wenziwa intloko yezizwe zakwaSirayeli. Wathanjiswa nguNdikhoyo ukuba ube ngukumkani wamaSirayeli,
18 waza wakuyalela ukuba uye kutshabalalisa eziya zikhohlakali zama-Amaleki. Wakuxelela ukuba uze ulwe uwatshayele ade aphele onke kuthi tu.
19 Ke kutheni ungamthobelanga nje uNdikhoyo? Wenze into embi phambi koNdikhoyo ngokungxamela ukuthatha amaxhoba.”
20 “UNdikhoyo ndimthobele,” kutsho uSawule. “Ndiyile emfazweni ngokuthunywa nguye, ndambamba ukumkani uAgagi, kodwa ndawabulala onke amanye ama-Amaleki.
21 Ke amajoni akazibulalanga ezona zintle iigusha neenkomo; eze nazo apha eGiligali, ukuza kwenzela uNdikhoyo uThixo wakho amadini.”