17 USamweli wathi: “Naxa wena wawuzibona uphantsi, kodwa wenziwa intloko yezizwe zakwaSirayeli. Wathanjiswa nguNdikhoyo ukuba ube ngukumkani wamaSirayeli,
18 waza wakuyalela ukuba uye kutshabalalisa eziya zikhohlakali zama-Amaleki. Wakuxelela ukuba uze ulwe uwatshayele ade aphele onke kuthi tu.
19 Ke kutheni ungamthobelanga nje uNdikhoyo? Wenze into embi phambi koNdikhoyo ngokungxamela ukuthatha amaxhoba.”
20 “UNdikhoyo ndimthobele,” kutsho uSawule. “Ndiyile emfazweni ngokuthunywa nguye, ndambamba ukumkani uAgagi, kodwa ndawabulala onke amanye ama-Amaleki.
21 Ke amajoni akazibulalanga ezona zintle iigusha neenkomo; eze nazo apha eGiligali, ukuza kwenzela uNdikhoyo uThixo wakho amadini.”
22 Uqhube wenjenje uSamweli: “Ngaba yintoni emkholisayo uNdikhoyo: kukumthobela, okanye kukumenzela iminikelo namadini? Ukuthobela uNdikhoyo kubhetele kunokumenzela idini, nokuphulaphula kungcono kunamanqatha enkunzi!
23 Ukumvukela uNdikhoyo nqwa nobugqwirha. Kanti nempakamo ifana nqwa nokunqula izithixo ngobubi. Ngenxa yokuba wena ulikhabile ilizwi likaNdikhoyo, naye ke uNdikhoyo uyakukhiqa ekulawuleni.”