31 Wamkhapha ke uSamweli, waza uSawule waqubuda kuNdikhoyo.
32 USamweli wathi: “Zisani uAgagi ukumkani wama-Amaleki apha kum.”Wasiwa uAgagi kuSamweli, ehamba eziva ekhululekile emoyeni, esithi: “Hayi noko, ixhala elikrakra lokufa ligqithile.”
33 Suka uSamweli wavakala esithi: “Ikrele lakho lishiye abazalikazi abaninzi bengenabantwana, nowakho ke ngoku unyoko uza kungabi namntwana.” Watsho emhlahla loo Agagi apho ngaphambi kukaNdikhoyo eGiligali.
34 Emva koko uSamweli wabuyela eRama, waza yena ukumkani uSawule waya kowabo eGibheya.
35 USamweli akazange abuye ambone ukumkani emva koko. Kambe ke wasoloko engcungcutheka ngenxa kaSawule. UNdikhoyo kaloku wayezisola ngokwenza kwakhe uSawule ukumkani.