1 Bayigqiba incoko yabo ooSawule noDavide. Intliziyo yonyana kaSawule, uJonatan, yaphakelana kanobom nekaDavide, wamthanda ngale ndlela azithanda ngayo yena.
2 Kususela loo mini uSawule akazange amvumele agoduke uDavide.
3 UJonatan wanqophisana noDavide, kuba wayemthanda ngale ndlela awazithanda ngayo yena.
4 Wakhulula umnweba awayewambethe uJonatan, wawunika uDavide, kunye nesinxibo sakhe sobujoni, nekrele lakhe, nesaphetha, nebhanti yakhe.