1 Bayigqiba incoko yabo ooSawule noDavide. Intliziyo yonyana kaSawule, uJonatan, yaphakelana kanobom nekaDavide, wamthanda ngale ndlela azithanda ngayo yena.
2 Kususela loo mini uSawule akazange amvumele agoduke uDavide.
3 UJonatan wanqophisana noDavide, kuba wayemthanda ngale ndlela awazithanda ngayo yena.
4 Wakhulula umnweba awayewambethe uJonatan, wawunika uDavide, kunye nesinxibo sakhe sobujoni, nekrele lakhe, nesaphetha, nebhanti yakhe.
5 UDavide wayephumelela kuyo yonke imicimbi athunywa yona nguSawule, waza ke uSawule wamnyusela wamenza umphathi emkhosini wakhe. Eso senzo sabakholisa bonke abantu kunye namagosa omkhosi kaSawule.
6 Ukubuya kukaDavide kunye nomkhosi emfazweni, emva kokuba wayebulele uGoliyati, baphuma bonke abafazi beedolophu zakwaSirayeli, beze kuhlangabeza ukumkani uSawule. Babesombela, bengqungqa, bebetha iintambula neekatala.