15 Kodwa ngoku bekuthi, singekatshi siphele isiqhumiso samanqatha, suka isicaka sombingeleli siye kuloo mfo unikezela idini, sithi kuye: “Nika umbingeleli inyama, ose! Akayifuni inyama yakho ephekiweyo; ufuna ekrwada.”
16 Ukuba loo mntu uphendule wathi: “Kaloku kufuneka siqale sitshe siphele isiqhumiso samanqatha, wandule ukuthatha loo ndawo uyithandayo,” besisithi isicaka sombingeleli: “Hayi, ndinike ngoku; kungenjalo ndoyithatha ngetshova.”
17 Esi sono soonyana bakaEli sokudela iminikelo sasisikhulu kakhulu emehlweni kaNdikhoyo.
18 Yena uSamweli wayehlala ekhonza endlwini *kaNdikhoyo – inkwenkwana ethiwe wambu ngesidanga selineni.
19 Minyaka le unina wayedla ngokumenzela umnwetyana, aye nawo eShilo, xa umyeni wakhe aye kwenzela uNdikhoyo idini lonyaka.
20 UEli wayemthamsanqelisa uElikana nomkakhe uHana, athi: “Ubenga uNdikhoyo angenza lo mfazi akuzalele abanye abantwana endaweni yalo wamcelayo waza wamnikela kuye,” baze ke emva koko bagoduke.
21 UNdikhoyo ngenene wamvelela uHana, waza wamitha, wazala abanye oonyana abathathu kunye neentombi ezimbini. Yona inkwenkwe uSamweli yakhulela kwaNdikhoyo.